Uthintelo
Unyango
Ukulungiswa komsebenzi
Okanye
Umhlalaphantsi ngenxa yempilo embi
Intshayelelo
Sonke siye sehlelwe lucinezelo (stress) kumaxesha athile ebomini bethu. Ucinezelo olugqithisileyo olwehla lungayeki lungayonakalisa impilo yakho yasemzimbeni, uzinzo emoyeni kunye nobudlelwane bokunxulumana.
I-PTSD imandundu kakhulu ekuxhalabeni okuye kwehle xa ubungakhuselekanga kwisehlo esenzakalisa ngokugqithisileyo, umzekelo, ekwenzeni umsebenzi.
Ukudakumba yimpendulo yasemoyeni (emotional) kwizinto ezahlukeneyo ezicinezela ubomi. [Chaza igama 'isicinezeli' kubantu abangasiqhelanga isigama sezengqondo.]
Iimpawu zempazamiso yengqondo ziquka oku kulandelayo:
Ukuva kwakhona izehlo ezonzakalisayo ngeengcinga, amaphupha nokubona into eyayenzeke ngaphambili
Ubuphakuphaku obugqithisileyo (kunye neenzame zokuphepha) iimeko ezikukhumbuza ngesehlo esenzakalisayo
Ukurhoxa kwimisebenzi yentlalo kunye nakweminye imisebenzi
Iingxaki ngokuzikisa ukucinga kunye nokukhumbula
Ukunqongophala kwenkuthazo namandla
Ubucaphucaphu nomsindo
Iindlela zokulala eziphazamisekayo
Ukufunyaniswa kwangoko kunye nothintelo
I-PTSD yimeko enyangekayo. Ngokwengqikelelo yamanani, iipesenti ezingama-90 zabantu abanyangelwa i-PTSD bayaphila. Abaninzi baye babe nako ukubuyela emsebenzini, bezuza imigangatho eyohlukeneyo yokusebenza emsebenzini.
Amanyathelo othintelo aquka oku kulandelayo:
Ukufunda ngobuchule obusebenzayo bolawulo obufana -
nokusebenzisa iindlela zokuphumla ukuthabatha inxaxheba kwimisebenzi yolonwabo; kunye nokwakha ubudlelwane obuzinzileyo nobuhlala ixesha elide.
Ukufuna uncedo msinyane nje ukuba ucinezelo lwenzeke. Ayilophawu lwabuthathaka ukufuna uncedo xa ungakwazi ukumelana neemeko zakho. Ungathetha nosebenza nabo;
Unyango
Ukuba ngaba iimpawu ze-PTSD kunye/okanye ukudakumba ziyazingisa, landela le migaqo:
Cela icebo kumphathi wakho lokuba ungasebenza njani na ngesi simo.
Yenza umiselo lwexesha nogqirha wakho oya kukudlulisela, umzekelo, kugqirha ofunda nonyanga izifo zengqondo (ufumane iyeza) kunye nomfundi negcisa le-psychology (unyango lwengqondo)
Ulungiso lomsebenzi
Emva kokuba ufumene unyango lwe-PTSD okanye lwenye impazamiso yengqondo, kungenzeka ukuba kwenziwe isincomo sokuba ubekwe kwindawo yokusebenza enocinezelo olungephi. Isigqibo esiphathelene nokubekwa kwakho masenziwe kusetyenziswa ingxoxo evulelekileyo phakathi kwakho, abaPhathi kunye nengcali yezemisebenzi ye-SAPS. AbaPhathi kufuneka ukuba bakuxhase ngexesha lolungiso.
Kwenzekani ukuba ngaba unyango alukhokeleli kwimpucuko kwimeko yakho?
Ukuba ngaba unyango olusebenzayo alukhokeleli ekuchacheni kwakho kwixesha elifanelekileyo, umhlalaphantsi ngenxa yempilo embi kunokucingwa ngawo. Le ndlela kucingwa ngayo emva kokuba uMphathi weNgozi kwiMpilo eqhube uphando olupheleleyo. Uhlolo olwenziwa ngugqirha ofunda nonyanga izifo zengqondo lwenza inxenye yophando loMphathi weNgozi kwiMpilo.
Ulawulo lwempazamiso zengqondo lugqalisele kunyango nokuchacha. Ngoko ke, umhlalaphansti ngenxa yempilo embi kufuneka ucingwe njengendlela yokugqibela kuphela.
INombolo yoNcedo
IZiko leNkxaso yoNcedo loMsebenzi: 086 010 3055
Ukuxhalaba, ukuDakumba kunye neMpazamiso yoCinezelo loKwenzakala emva kweSehlo
Ziqonde iimpawu:
Ukubona izinto ezazenzeke ngaphambili
Ukuxhalaba ngokugqithisileyo
Iindlela zokulala eziphazamisekayo
Umsindo
Ukurhoxa kwezentlalo
mphathi wakho iiNkonzo zoNcedo lwabaSebenzi ze-SAPS; okanye iZiko leNkxaso yokuNceda abaSebenzi e-086 010 3055
